5 Ngoko ke, musani ukugweba nto phambi kwelona xesha, ide ifike iNkosi, eya kuthi izikhanyise nokuzikhanyisa izinto ezifihlakeleyo zobumnyama, iwabonakalalise amacebo entliziyo; andule ke ulowo nalowo abe nodumo oluvela kuThixo.
6 Ezi zinto ke, bazalwana, ndizilinganisele ngam noApolo, ngenxa yenu; ukuze nifunde kuthi aba, ukuba ningazicingeli ngaphezu koko kubhaliweyo, ukuze kungabikho namnye uzikhukhumalisa ngakomnye ngenxa yomnye.
7 Kuba ngubani na okubalulayo kwabanye? Yintoni na ke onayo ongayamkeliswanga? Phofu ke, ukuba wamkelisiwe, uqhayiselani na, ngathi akwamkeliswanga?
8 Senihluthi, senizizityebi, nalawula ningenathi; akwaba ke kambe beningabalawuli, ukuze nathi silawule kunye nani.
9 Kuba ngathi mna, uThixo thina bapostile* usivelise mva, sanga singabamiselwe ukufa; kuba sanekwé senziwa intlekisa kulo ihlabathi, nakwizithunywa zezulu, nakubantu.
10 Thina siziziyatha ngenxa kaKristu, ke nina niziingqondi kuKristu; thina siswele amandla, ke nina nomelele; nina nizukile, ke thina siswele imbeko.
11 Kude kwaleli lixa langoku silamba, sinxanwa, sihamba zé, sintlithwa, singenasikhundla, sibulaleka,