2 Sihlala sibulela kuye uThixo ngenxa yenu nonke; sinikhumbula emithandazweni yethu;
3 singayeki ukuwukhumbula umsebenzi wenu wokholo, nokubulaleka kwenu kothando, nokunyamezela kwenu kokuthemba iNkosi yethu uYesu Kristu, phambi koThixo uBawo wethu;
4 sikwazi, bazalwana bathandiweyo nguThixo, ukunyulwa kwenu.
5 Ngokuba iindaba ezilungileyo zethu azibangakho kuni ngantetho yodwa; zabakho nangamandla, nangoMoya oyiNgcwele, nangenkoloseko enkulu, njengoko naziyo ukuba saba ngabanjani na phakathi kwenu ngenxa yenu.
6 Nani naba ngabaxelisa thina nayo iNkosi, nalamkelayo nje ilizwi nisembandezelweni eninzi, ninovuyo loMoya oyiNgcwele;
7 nada naba yimifuziselo kubo bonke abakholwayo, abakwelaseMakedoni nelaseAkaya.
8 Kuba lahlokoma livela kuni ilizwi leNkosi, akwaba khona kwelaseMakedoni nelaseAkaya lodwa; kusuke ezindaweni zonke ukukholwa kwenu kuThixo kwaduma, ngokokude kungabi safuneka ukuba sithethe nto.