7 nada naba yimifuziselo kubo bonke abakholwayo, abakwelaseMakedoni nelaseAkaya.
8 Kuba lahlokoma livela kuni ilizwi leNkosi, akwaba khona kwelaseMakedoni nelaseAkaya lodwa; kusuke ezindaweni zonke ukukholwa kwenu kuThixo kwaduma, ngokokude kungabi safuneka ukuba sithethe nto.
9 Kuba bona ngokwabo baxela ngathi, ukuba kwakunjani na ukungena kwethu kuni, nokokuba nathíni na ukuguqukela kuThixo, niphuma kuzo izithixo, ukuze nikhonze uThixo ophilileyo oyinyaniso,
10 nilínde uNyana wakhe evela emazulwini, awamvusayo kwabafileyo, kwauYesu, osihlangulayo kuyo ingqumbo ezayo.