7 Thina ke sisuke sathantamisa phakathi kwenu njengomdlezana osukuba ebagcinile abakhe abantwana;
8 ngokunjalo sinilangazelela nje, kwakholeka kuthi ukuba singaneli kunábela iindaba ezilungileyo zikaThixo nje kodwa, sinabéle nobomi bethu, ngenxa enokuba naba ziintánda kuthi.
9 Kuba niyakukhumbula, bazalwana, ukubulaleka kwethu nemigu yethu; kuba sazivakalisa kuni iindaba ezilungileyo zikaThixo, sisebenza ubusuku nemini, ukuze singabi mthwalo nakubani kuni.
10 Ningamangqina nina kwanoThixo, ukuba saba njani na ukuba ngcwele, nokuba nobulungisa, nokungabi nakusoleka kuni bakholwayo;
11 kwanjengoko naziyo nonke ngabanye, ukuba besixelisa uyise kubantwana bakhe,
12 siniyala, sinikhuza, siniqononondisa, ukuba nihambe ngokumfaneleyo uThixo, onibizelayo kobakhe ubukumkani nobuqaqawuli.
13 Ngenxa yoko, nathi siyabulela kuye uThixo singayeki, okokuba nathi, ukulamkela ilizwi likaThixo lodaba kuthi, analamkela lililizwi labantu; nalamkela, njengokuba kunjalo okwenyaniso, lililizwi likaThixo elisebenzayo nokusebenza kuni bakholwayo.