2 Sathuma uTimoti, umzalwana wethu, umlungiseleli kaThixo, osebenza nathi ezindabeni ezilungileyo zikaKristu, ukuze anizimase, anivuselele ngenxa yokholo lwenu,
3 kungabikho namnye ushukunyiswayo zezi mbandezelo; kuba nisazi ngokwenu ukuba simiselwe zona.
4 Kuba xenikweni besikuni, sanixelela ngenxa engaphambili ukuba siza kubandezelwa; njengokuba kwaba njalo, nani niyazi.
5 Ngenxa yoko nam ndithe, ndingasenakuzibamba, ndathumela ukuba ndilwazi ukholo lwenu, hleze abe unihendile uMhendi, saba sifumane sabulaleka.
6 Ngoku ke uTimoti, efikile nje kuthi evela kuni, wasishumayeza iindaba ezilungileyo zokholo nezothando lwenu; nokuba nihlala ninokusikhumbula okuhle, nilangazelela ukusibona, kwanjengokuba nathi silangazelela ukunibona.
7 Ngenxa yoko sithuthuzelekile, bazalwana, nini, kuyo yonke imbandezelo nengxakeko yethu ngalo ukholo lwenu;
8 ngokuba ngoku siphilile, ukuba nina nithi nime eNkosini.