1 Elokugqiba ngoko, bazalwana, siyanicela siniyala siseNkosini uYesu, ukuba nithi, njengokuba nakwamkelayo kuthi, okokuba nimelwe kukuthini na ukuhamba nokumkholisa uThixo, nikhule kuko ngakumbi.
2 Kuba niyazi ukuba zaba ziziyalo zini na, esaniyala ngazo ngeNkosi uYesu.
3 Kuba oku kukuthanda kukaThixo, ukungcwaliswa kwenu, ukuba nikhumke kulo uhenyuzo;
4 ukuba elowo kuni ákwazi ukusizuza asiphathe esakhe isitya* enobungcwalisa, enembeko;
5 angathabatheki yinkanuko, njengeentlanga ezingamaziyo uThixo;