9 INkosi ayilibali dinga, njengoko abathile baba iyalibala; isuka izeke kade umsindo kuthi, ingangi kungatshabalala nabani; inga bonke bangasinga enguqukweni.
10 Iya kufika ke imini yeNkosi njengesela ebusuku, eliya kuthi ngayo izulu lidlule liqhuqhumba, zithi ke iziqalelo zitshe, zichithakale, nomhlaba nayo imisebenzi ekuwo itshiswe kuthi tu.
11 Ezo zinto zonke ngoku zíchithakala nje, nimele ukuba ngabanjani na ngeehambo ezingcwele nokuhlonela uThixo;
12 nikulindela, nikukhawulezela, ukufika kwayo imini kaThixo, eliya kuthi ngenxa yayo izulu lifakwe isikhuni, lichithakale, zithi neziqalelo zitshe zinyibilike?
13 Thina ke ngokwedinga lakhe silinde elitsha izulu, nomtsha umhlaba, apho kumi ubulungisa.
14 Kungoko, zintanda, nílindele ezo zinto nje, khuthalelani ukuba nifunyanwe kuye niseluxolweni, ningenabala, ningenasiphako.
15 Ukuzeka kade umsindo kweNkosi yethu kubaleleni ekuthini lusindiso, njengoko wanibhalelayo nomzalwana wethu oyintanda, uPawulos, ngokobulumko awabunikwayo;