7 Kuba zonke iimvelo zezinto ezizitho ziné, kwanezeentaka, nezezinambuzane, kwanezezinto eziselwandle, ziyadanjiswa, kanjalo sezikhe zadanjiswa yimvelo eyiyeyabantu;
8 ke lona ulwimi alunaye noko amnye ebantwini, unokuludambisa; lubububi obungenakubanjwa, luzele bubuhlungu obubulalayo.
9 Ngalo siyambonga uThixo uYise, nangalo siyabaqalekisa abantu abenziwe ngokomfanekiselo kaThixo.
10 Kwakuló mlomo mnye kuphuma intsikelelo nengqalekiso.Akufanelekile, bazalwana bam, ukuba ezi zinto zibe nje.
11 Umthombo umpompoza amnandi nakrakra kwangelo liso linye, yini na?
12 Únako yini na, bazalwana bam, umkhiwane úkuvelisa iinkozo zomnquma, uthi umdiliya uvelise amakhiwane? Ngokunjalo akukho namnye umthombo ongávelisa amanzi amtyuba namnandi.
13 Ngubani na olumkileyo, owaziyo kakuhle phakathi kwenu? Makayibonise imisebenzi yakhe ngehambo entle, enobulali bobulumko.