5 ngokuba uYohane okunene wabhaptiza ngamanzi; kodwa nina niya kubhaptizwa ngoMoya oyiNgcwele, kungekabi kade emva kwezi ntsuku.
6 Bona ke ngoko, bebuthelene, babembuza besithi, Nkosi, wobubuyisela ngeli xesha na ubukumkani kuSirayeli?
7 Uthe ke kubo, Asikokwenu ukwazi amaxesha nokuba ngamathuba, awamise ngelakhe igunya uBawo.
8 Niya kwamkela ke amandla, akubon' ukuba uMoya oyiNgcwele uhlile phezu kwenu; nibe ngamangqina am eYerusalem, kwanakulo lonke elakwaYuda nelaseSamariya, kude kuse nasekupheleni komhlaba.
9 Waza etshilo, bakubon' ukuba bakhangele, wafukulwa; lathi ilifu lemka naye emehlweni abo.
10 Bakuba beqwalasele ezulwini, akubon' ukuba uyemka, kwabonakala kumi ngakubo amadoda amabini eneengubo ezimhlophe,
11 awatshoyo ukuthi, Madoda, maGalili, nimeleni na nondele ezulwini? Kwayena lo Yesu unyusiweyo kuni, wasiwa emazulwini, uya kuza ngolu hlobo nimboné esiya ngalo emazulwini.