13 Kwabakho izwi lisithi kuye, Vuka, Petros, xhela udle.
14 Uthe ke uPetros, Nakanye, Nkosi; ngokuba yonke into eyinqambi, nokuba yengcolileyo, andizanga ndiyidle.
15 Laphinda izwi okwesibini lathi kuye, Izinto uThixo azihlambululeyo, musa ukuzenza inqambi wena.
16 Kwabakho ke oku kathathu; sabuya isitya eso senyuswa, sasiwa ezulwini.
17 Ke kaloku, xa uPetros wayethingaza ngaphakathi kwakhe, ukuba ungaba uyintoni na umbono lo awubonileyo, kwasuka kwathi gqi amadoda abethunyiwe evela kuKorneli, ebuza indlu kaSimon, emi esangweni;
18 akhwaza, ebuza ukuba uSimon, ogama limbi linguPetros, ulundwendwe apha na.
19 Ke kaloku, akubon' ukuba uPetros uyacinga ngawo umbono lowo, wathi uMoya kuye, Nanga amadoda amathathu ekufuna;