22 Lwavakala ke udaba lwabo ezindlebeni zebandla laseYerusalem; bakhupha uBharnabhas, ukuba ahambe, ade aye kufika kwa-Antiyokwe;
23 othe akufika, walubona ubabalo lukaThixo, wavuya, wabavuselela bonke, ukuba bathi ngengqibo yentliziyo bahlale bethe nca eNkosini.
24 Ngokuba ebeyindoda elungileyo, ezele nguMoya oyiNgcwele nalukholo. Kongezelelwa eNkosini inani elaneleyo.
25 Wemka ke uBharnabhas, waya eTarso, esiya kufuna uSawule;
26 wathi akuba emfumene, wamsa kwa-Antiyokwe. Kwathi ke, umnyaka uphela, bahlangana nebandla, bafundisa inani elaneleyo. Kananjalo abafundi baqala ukubizwa ukuba ngamaKristu kwa-Antiyokwe.
27 Ke kaloku ngaloo mihla, kwehla abaprofeti, besuka eYerusalem, beza kwa-Antiyokwe.
28 Kwesuka ke omnye wabo, ogama linguAgabho, waqondisa ngaye uMoya ukuba kuza kubakho indlala enkulu kulo lonke elimiweyo; eyabakho ke ngemihla kaKlawudiyo Kesare.*