9 Yona leyo yayimva uPawulos ethetha; owathi, eqwalasele kuyo, ebona ukuba inokholo lokusindiswa,
10 wathi ngezwi elikhulu, Suka, ume ngeenyawo zakho, uthi nkqo; yesuka umtsi, yahambahamba.
11 Ke kaloku iindimbane, zakukubona oko akwenzileyo uPawulos, zaphakamisa izwi lazo ngokwesiLikawoni, zisithi, Oothixo bahlile beza kuthi, befana nabantu.
12 Kanjalo zazimbiza uBharnabhas ngokuthi nguZeyus,* noPawulos ngokuthi nguHermes,* ekubeni ke ibinguye obesisithethi.
13 Kuthe ke umbingeleli kaZeyus, obephambi komzi wabo, wazisa iinkunzi zeenkomo nezidanga zeentyantyambo emasangweni, wafuna ukubingelela, kunye neendimbane.
14 Bekuvile ke oko abapostile, ooBharnabhas noPawulos, bazikrazula iingubo zabo, batsiba phakathi kwendimbane, bedanduluka,
15 besithi, Madoda, yini na ukuba nenjenje? Nathi singabantu abeva enikuvayo nina; sinishumayeza iindaba ezilungileyo zokuba nibuye kwaba thixo bangento, nibuyele kuThixo ophilileyo, owenza izulu nomhlaba nolwandle, neento zonke ezikwezo zinto;