8 UThixo, umazi-ntliziyo, wazingqinela, ezinika uMoya oyiNgcwele kwanjengathi;
9 akacalula phakathi kwethu nazo, ezihlambulule iintliziyo zazo ngokholo.
10 Phofu ke nimlingelani na uThixo, ngokubeka idyokhwe entanyeni yabafundi, esibe singenamandla okuyithwala, thina kwanoobawo bethu?
11 Ke ngalo ubabalo lweNkosi uYesu Kristu, siyakholwa ukuba sosindiswa kwangohlobo ezisindiswa ngalo nazo.
12 Yathi cwaka ke yonke inkitha yabantu, yaphulaphula ooBharnabhas noPawulos, becacisa oko yayingako imiqondiso nezimanga, awazenzáyo uThixo phakathi kwazo iintlanga ngabo.
13 Ke kaloku, emva kokuthi cwaka kwabo, waphendula uYakobi esithi, Madoda, bazalwana, ndiphulaphuleni.
14 USimon lo ukucacisile ukuba wathini na ekuqaleni uThixo ukuzivelela iintlanga, ukuba kuzo alinyulele abantu elakhe igama.