11 La ke aye enobuntu kunawaseTesalonika; la wona alamkela ilizwi ngentumekelelo yonke, ezincina izibhalo imihla ngemihla, ukuba zingaba zinjalo na ezi zinto.
12 Kwakholwa ke ngoko into eninzi kuwo, nakumaGrikekazi abekekileyo, nakumadoda, àbaba mbalwa.
13 Akùqonda ke awaseTesalonika amaYuda, ukuba ilizwi likaThixo lazisiwe nguPawulos naseBhereya, eza azizamazamisa nalapho izihlwele.
14 Bandula ke kwaoko abazalwana, bamsusa uPawulos ukuba abheke ngaselwandle; kwasala uSilas kwanoTimoti khona.
15 Bathe ke bona abamkhapháyo uPawulos, bamsa eAtene; bakuba bamkelé umthetho oya kooSilas noTimoti, wokuba beze kuye kwakamsinya, bemka.
16 Ke kaloku, akubon' ukuba uPawulos ubalindile eAtene, wacaphuka, akuwubona umzi uzizithixo kuphela.
17 Wayexoxa ke ngoko endlwini yesikhungu namaYuda, nabamhlonelayo uThixo; nasendaweni yembutho imihla ngemihla, nabasukuba bekhona.