12 Kwakholwa ke ngoko into eninzi kuwo, nakumaGrikekazi abekekileyo, nakumadoda, àbaba mbalwa.
13 Akùqonda ke awaseTesalonika amaYuda, ukuba ilizwi likaThixo lazisiwe nguPawulos naseBhereya, eza azizamazamisa nalapho izihlwele.
14 Bandula ke kwaoko abazalwana, bamsusa uPawulos ukuba abheke ngaselwandle; kwasala uSilas kwanoTimoti khona.
15 Bathe ke bona abamkhapháyo uPawulos, bamsa eAtene; bakuba bamkelé umthetho oya kooSilas noTimoti, wokuba beze kuye kwakamsinya, bemka.
16 Ke kaloku, akubon' ukuba uPawulos ubalindile eAtene, wacaphuka, akuwubona umzi uzizithixo kuphela.
17 Wayexoxa ke ngoko endlwini yesikhungu namaYuda, nabamhlonelayo uThixo; nasendaweni yembutho imihla ngemihla, nabasukuba bekhona.
18 Ke kaloku izithanda-bulumko ezithile zamaEpikure* nezamaStoyike* zamhlanganyela; yayisithi inxenye, Azi lifuna ukuthini na eli pholopholo? Abanye ke bathi, Ngathi ngumazisi wezithixo zasemzini; ngokuba wayebashumayeza iindaba ezilungileyo zikaYesu, novuko lwabafileyo.