20 Ilanga liya kusuka libe mnyama,Ithi inyanga ibe ligazi,Phambi kokuba ize imini yeNkosi,Leyo inkulu ibalulekileyo.
21 Baya kuthi bonke abasukuba belinqula igama leNkosi basindiswe.(UYow. 2:28-32)
22 Madoda, maSirayeli, waveni la mazwi: UYesu waseNazarete, indoda eqondakalisiweyo nguThixo kuni ngemisebenzi yamandla, nangezimanga, nangemiqondiso, awayenzayo uThixo ngayo phakathi kwenu, njengokuba nisazi nani ngokwenu:
23 yena lowo, ekhutshwe ngecebo elimisiweyo likaThixo nangokwazi kwakhe kwenxa engaphambili, namthabatha ngezandla zabachasene nomthetho, nambethelela emnqamlezweni, namsika;
24 athe uThixo wamvusa, eyikhulule inimba yokufa; ngokokuba ebengenako ukubanjwa kuko.
25 Kuba uDavide uthi, esingisele kuye,Ndahlala ndiyibona iNkosi phambi kwamehlo am,Ngokuba ingasekunene kwam, ukuze ndingashukunyiswa.
26 Ngenxa yoko intliziyo yam yaba nemihlali, lwagcoba ulwimi lwam;Ngaphezu koko ke nenyama yam iya kuphumla inethemba;