1 Ke kaloku, emva kokuphela kwesiphithiphithi eso, uPawulos wababizela kuye abafundi, wababulisa, waphuma waya kwelaseMakedoni.
2 Ewatyhutyhile ke loo macala, ebayalile ngokuthetha okukhulu, weza kwelamaGrike.
3 Wenza apho iinyanga zantathu.Uthe ke, kwakwenziwa iyelenqe ngaye ngamaYuda, xa aza kuya ngomkhombe kwelaseSiriya, wagqiba kwelokuba acande kwelaseMakedoni ngokubuya.
4 Waphelekelelwa ke, kwada kweza kwelaseAsiya, nguSopatro waseBhereya; kumaTesalonika ke yangu-Aristarko noSekundo; noGayo waseDerbhe, noTimoti; kwabelaseAsiya yanguTikiko noTrofimo;
5 abo basandulela, basilinda eTrowa.
6 Semka ke thina ngomkhombe eFilipi, emva kwemihla yezonka ezingenagwele, seza kubo eTrowa ngeentsuku ezintlanu; salibala khona iintsuku zasixhenxe.
7 Ke kaloku, ngolokuqala usuku lweveki, bakubon' ukuba abafundi bahlanganisene ukuba baqhekeze isonka, uPawulos wayexoxa nabo, eza kumka ngengomso; wayolula intetho yakhe kwada kwaphakathi kobusuku.