16 Kwahamba ke nathi abathile nakubafundi abavela eKesareya, besisa thina kuMnaso waseSipro, obengumfundi kwakudala, esaba lundwendwe lwakhe.
17 Ke kaloku, sakufika eYerusalem, basamkela ngovuyo abazalwana.
18 Ngengomso ke, uPawulos wangena kunye nathi kuYakobi; ayekho namadoda amakhulu onke.
19 Ubabulisile, wamana ebacacisela zonke ngazinye izinto awazenzayo uThixo phakathi kweentlanga, ngalo ulungiselelo lwakhe.
20 Bathe ke bona bakukuva oko, bayizukisa iNkosi, batsho nokuthi kuye, Uyabona, mzalwana, oko angako amawakawaka amaYuda akholiweyo; abe ke onke ewuzondelele umthetho.
21 Atyelwe ke ngawe, ukuba uyawafundisa onke amaYuda aphakathi kweentlanga, ukuba ahlukane noMoses, usithi, makangabalusi abantwana bawo, angahambi ngawo amasiko.
22 Kuthiweni na ke? Kakade kuya kuhlanganisana inkitha; kuba aya kuva ukuba ùfikile.