29 Wathi ke uPawulos, Ndithandaza kuThixo, ukuba ingabi nguwe wedwa, ibe ngabo bonke abandivayo namhlanje, abaya kuthi, nangokuncinane nangokukhulu, babe njengam nje, ngaphandle kwezi ntambo.
30 Akuba etshilo, besuka ukumkani, nerhuluneli, noBhernike, kwanababehleli nabo;
31 beshenxile, bathetha bodwa bathi, Lo mntu akenze nanye into elingene ukufa neentambo.
32 Wathi ke uAgripa kuFesto, Lo mntu ange enokukhululwa, ukuba ubengabhenele kuKesare.