5 Yena ngoko wasivuthululela emlilweni isilo eso, akeva buhlungu noko.
6 Ke bona babelinde ukuba uza kudumba, mhlawumbi athi qwaka, afe; bakùlinda futhi ke, bakùbona engahliwa nto imbi, bajika bathi unguthixo.
7 Ke kaloku, kuloo mmandla bekukho imihlaba yomntu omkhulu wesiqithi, ogama linguPubliyo; owasamkela ngobubele, wasenza undwendwe lwakhe iintsuku zantathu.
8 Kwathi ke, uyise kaPubliyo walala phantsi, ebanjwe yicesina nokuxaxaza igazi; awathi uPawulos, engene kuye, wathandaza; wabeka izandla phezu kwakhe, wamphilisa.
9 Kuthe ke kwakwenzeka oko, bathi nabanye ababenezifo esiqithini apho, beza baphiliswa; bathi bona basenzela iimbeko ezininzi;
10 bathi, xa sindulukayo, basithwesa ngezinto esizisweleyo.
11 Ke kaloku, emva kweenyanga ezintathu, sanduluka ngomkhombe wakwa-Alesandire, obudlulise ubusika esiqithini eso, onembasa yamaWele.