8 Kwathi ke, uyise kaPubliyo walala phantsi, ebanjwe yicesina nokuxaxaza igazi; awathi uPawulos, engene kuye, wathandaza; wabeka izandla phezu kwakhe, wamphilisa.
9 Kuthe ke kwakwenzeka oko, bathi nabanye ababenezifo esiqithini apho, beza baphiliswa; bathi bona basenzela iimbeko ezininzi;
10 bathi, xa sindulukayo, basithwesa ngezinto esizisweleyo.
11 Ke kaloku, emva kweenyanga ezintathu, sanduluka ngomkhombe wakwa-Alesandire, obudlulise ubusika esiqithini eso, onembasa yamaWele.
12 Sathi sakufika eSirakusi, sahlala khona iintsuku zantathu.
13 Sisuka khona, sajikeleza safika eRegiyo; emva kosuku olunye, kwakubon' ukuba umoya wasezantsi uvukile, safika ngowesibini umhla ePotiyoli;
14 safumana abazalwana apho, basibongoza ukuba sihlale nabo iintsuku zibe sixhenxe; seza ngokunjalo eRoma.