5 ukuze abakhulule ngokubathenga abaphantsi komthetho, ukuze sikuzuze ukwenziwa oonyana.
6 Ngokuba ke ningoonyana, uThixo wamkhupha uMoya woNyana wakhe, weza ezintliziyweni zenu, edanduluka esithi, Abha,* Bawo.
7 Ngoko ke àkusengumkhonzi, ungunyana; ukuba ke ungunyana, ukwayindlalifa kaThixo ngoKristu.
8 Kanti okunene, oko naningamazi uThixo, nanikhonza kwabo ngemvelo bangethixo;
9 ngoku ke, nakuba nimazile uThixo, hayi kanye mandithi, nakuba naziwe nguThixo, nènza ntoni na ukubuya niguqukele kwiziqalelo ezingenamandla, ezingenaluncedo, enithanda ukubuya nikhonze zona ngokutsha?
10 Nimana nigcina imihla, neenyanga, namaxesha, neminyaka.
11 Ndiyanoyikela, hleze ndibe ndifumane ndabulaleka ngenxa yenu.