Kumagalati 2 XHO75

Umsebenzi kaPawulos wokuthunywa wamkelekile eYerusalem

1 Ndaza emva kweminyaka elishumi elinaminé, ndabuya ndenyuka ndaya eYerusalem ndinoBharnabhas, ndathabatha noTito.

2 Ndenyuka ke ngokwesityhilelo, ndazandlala phambi kwabo iindaba ezilungileyo endizivakalisayo phakathi kweentlanga; ndazandlala ke phambi kwabo badumileyo bebodwa, hleze ndibe ndifumana ndibaleka, mhlawumbi ndibe ndafumana ndabaleka.

3 NoTito lo, ubenam, nangona ebengumGrike, akanyanzelwanga ukuba alùke:

4 ngenxa ke yabazalwana ababuxoki, abangeniswáyo bucala, bona bangena ngokunyebeleza, besiza kuhlola inkululeko yethu esinayo kuKristu Yesu, ukuze basithobele ebukhobokeni.

5 Esathi abo asabavumela ngolulamo nokwexa elinye, ukuze inyaniso yeendaba ezilungileyo ihlale ihleli kuni.

6 Ke aba badumele ukuba bayinto, nokuba babefudula benjani, akunto oko kum; uThixo akakhethi buso bamntu. Kuba aba bàbedume ngobuntó ababhekisanga nto kum.

7 Basuka bathi kanye, bakubona ukuba ndiziphathisiwe iindaba ezilungileyo kwabangalukileyo, njengokuba uPetros ebeziphathisiwe kwabolwaluko

8 (kuba kwalowo wamsebenzelayo uPetros ngokusingisele kubo ubupostile* babolwaluko, wandisebenzela nam ngokusingisele kwiintlanga);

9 kananjalo bakulwazi ubabalo endababalwa ngalo: bathi ooYakobi noKefas noYohane, abo ke babedume ukuba baziintsika, basinika thina noBharnabhas izandla zokunene zobudlelane, ukuze siye thina kwiintlanga;

10 bona ke baye kwabolwaluko; bathi, maze siwakhumbule amahlwempu; into ke leyo endandiyikhuthalela ukuyenza.

UPawulos uthethisa uPetros

11 Ke kaloku, xenikweni uPetros wafikayo kwa-Antiyokwe, ndamelana naye ngokusekuhleni, ngokuba ube engogwetyiweyo.

12 Kuba phambi kokuba kufike abathile bevela kuYakobi, wadla ndawonye nabeentlanga; ke wathi bakufika, wesuka wanqwanqwa, wazahlula kubo, esoyika abo bolwaluko.

13 Ke ahanahanisa njengaye namanye amaYuda; wada noBharnabhas wakhukuliswa luhanahaniso lwawo.

14 Xenikweni ke ndabonayo ukuba àbathe ngqo ukuhamba enyanisweni yeendaba ezilungileyo, ndathi kuPetros phambi kwabo bonke, Ukuba wena, ungumYuda nje, uhleli ngokwabeentlanga, ungahlali ngokobuYuda, yini na ukuba ubanyanzele abeentlanga ukuba bahlale ngokobuYuda?

Ukusilela komthetho

15 Thina, síngamaYuda ngemvelo, asingaboni abavela kwiintlanga,

16 sisazi nje ukuba akagwetyelwa umntu ngokwasemisebenzini yomthetho, kuphela kungokukholwa kuYesu Kristu: sithe ke nathi aba sakholwa kuKristu Yesu, ukuze sigwetyelwe ngokwasekukholweni kuKristu, kungabi ngokwasemisebenzini yomthetho; ngokokuba akuyi kugwetyelwa mntu ngokwasemisebenzini yomthetho.

17 Ke ukuba, sífuna nje ukugwetyelwa ngoKristu, sìfunyanwa singaboni nathi ngokwethu, ndiyabuza ndithi, uKristu ungumlungiseleli wesono na ke ngoko?

18 Nakanye! Kuba, ukuba izinto endazichithayo, ndibuya ndakhe zona, ndiyaziqondakalisa ngokwam ukuba ndingumgqithi.

19 Kuba mna ngomthetho ndafa kumthetho, ukuze ubomi ndibudlele kuThixo.

20 Ndìbethelelwe emnqamlezweni noKristu; ayisendim ke odla ubomi, nguKristu ke oselesidla ubomi kum. Ubomi ke endibudlayo ngoku, ndisenyameni, ndibudlela ekukholweni kuNyana kaThixo, owandithandayo, wazinikela ngenxa yam.

21 Andilutshitshisi ubabalo lukaThixo; kuba, ukuba bungomthetho ubulungisa, oko uKristu angaba wafumana wafa.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6