3 Ndiphinda ndingqina ke kumntu wonke owalukileyo, ukuba ungonetyala lokuwenza umthetho uphela.
4 Nibhangile, nahlukana noKristu, nina aba nigwetyelwayo emthethweni, naphalala elubabalweni.
5 Kuba thina ngoMoya silinde kakhulu ithemba lobulungisa ngokwaselukholweni.
6 Kuba kwabakuKristu Yesu àkunamandla anto ukwaluka, kwanokungaluki; into enamandla lukholo olusebenza ngothando.
7 Nibé nibaleka kakuhle; ngubani na osuke wanithintela ukuba ningayithambeli inyaniso?
8 Olo loyiseko lwenu aluphumi konibizayo.
9 Igwele elincinane liyayibilisa intlama iphela.