1 Bazalwana, ukuba umntu uthe waqutyulwa nokuqutyulwa sisiphoso esithile, nina bangaboMoya, mlulekeni onjalo ninomoya wobulali; uzilumkela ukuba ungàhendwa nawe.
2 Thwalisanani ubunzima, ize ngokunjalo niwuzalise umthetho kaKristu;
3 kuba umntu, ukuba uba uyinto, engento, uyazikhohlisa.
4 Elowo ke makawucikide owakhe umsebenzi, wayeya kwandula ukuba neqhayiya ngokwakhe yedwa, angabi nalo ngomnye;