Kwabase-Efese 2 XHO75

Usindiso luza ngobabalo lukaThixo

1 Nani unidlise ubomi, nifile nje ziziphoso nazizono;

2 enanifudula nihamba kuzo ngokwesimo seli hlabathi, ngokomphathi wegunya lesibhakabhaka, womoya lo usebenzayo ngoku kubo abangevayo;

3 esasifudula nathi sonke sihleli phakathi kwabo ezinkanukweni zenyama yethu, sisenza ukuthanda kwenyama nokwengcinga, saye ngemvelo sikwangabantwana bengqumbo, njengabanye abo.

4 Ke uThixo, esisityebi nje ngenceba, uthe ngenxa yothando lwakhe olukhulu,

5 awasithanda ngalo, thina sifile nje ziziphoso, wasidlisa ubomi ndawonye noKristu (nisindiswé ngokubabalwa),

6 wasivusa naye, wasihlalisa naye kwezasemazulwini iindawo, sikuKristu Yesu;

7 ukuze ubutyebi obuncamisileyo bobabalo lwakhe abubonakalalise emaphakadeni azayo, ngokusenzela ububele ngoKristu Yesu.

8 Kuba nisindiswe ngokubabalwa nangalo ukholo; nako oko kungaphumi kuni, kusisipho sikaThixo;

9 akuphumi misebenzini, hleze kubekho bani uqhayisayo.

10 Kuba thina singumsebenzi wakhe, sídalelwe kuKristu Yesu, ukuze senze imisebenzi elungileyo, awayilungisayo uThixo ngenxa engaphambili, ukuze sihambe kuyo.

Oweentlanga nomYuda bamanyenwe kuKristu

11 Ngoko ndithi, Khumbulani ukuba nina, enibe nifudule niziintlanga ngokwenyama, kusithiwa ningabangàlukileyo, ngabo kuthiwa ngabolwaluko olwenziwe ngezandla enyameni:

12 okokuba ngelo xesha nibe ningenaKristu, ningazani nawo umzi wakwaSirayeli, ningabasemzini kuyo iminqophiso yalo idinga, ningenathemba, ningenaThixo ehlabathini.

13 Ke ngoku ngoKristu Yesu, nina, enibe nifudula nikude, nithe naba kufuphi ngalo igazi likaKristu.

14 Kuba nguye oluxolo lwethu, yena uthe izinto zombini wazenza zaba nye, waluchitha ke udonga lothango oluphakathi, ubumpi ke obo,

15 akuba ewubhangisile, esenyameni yakhe, umyalelo wemithetho esemimiselweni; ukuze abo babini ábadalele kuye ngokwakhe, babe mntu mnye, mtsha, esenza ke uxolo;

16 nokuze abaxolelanise noThixo abo babini, babe mzimba mnye ngawo umnqamlezo, ebubulalele kuwo ubumpi obo.

17 Weza ke washumayela iindaba ezilungileyo zoxolo kuni abo bakude, nakwabakufuphi;

18 ngokuba kungaye ukungeniswa kwethu sobabini, siMoya mnye kuye uYise.

19 Ngoko ke anisengabasemzini nabaphambukeli; ningamakhaya kubo abangcwele, ningabendlu kaThixo,

20 nakhelwe phezu kwelitye lesiseko sabapostile* nabaprofeti, inguYesu Kristu ngokwakhe ilitye lembombo;

21 esíthi kuye sonke isakhiwo, síhlangene kakùhle, sikhùle, sibe yitempile engcwele eNkosini;

22 enithi nani nakhèlwe ndawonye kuye, ukuze nibe yindawo yokuhlala kaThixo ngaye uMoya.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6