1 Ngoko yibani ngabaxelisa uThixo, ngokwabantwana abaziintánda;
2 nihambe eluthandweni, kwanjengokuba naye uKristu wasithandayo, wazinikela ngenxa yethu, ukuba abe ngumnikelo nedini kuye uThixo, ukuba abe livumba elimnandi.
3 Ke umbulo, nako konke ukungcola, nokubawa, makungakhe kukhankanywe phakathi kwenu, njengoko kubafaneleyo abangcwele;
4 kwanamanyala, nentetho yobuyatha, nobuhiba, izinto ezo ezingafanelekileyo. Makube kokukhona ninemibulelo.
5 Kuba oku nikwazi, ukuba wonke umenzi wombulo, nomntu ongcolileyo, nolibawa, engumkhonzi wezithixo, akanalifa ebukumkanini bukaKristu noThixo.
6 Makungabikho namnye unilukuhlayo ngamazwi alambathayo; kuba iza ngenxa yezo zinto ingqumbo kaThixo phezu kwabangevayo.