13 Ke zonke ezi zinto, zakòhlwaywa, ziyabonakalaliswa kukukhanya; kuba konke okubonakalaliswayo kukukhanya.
14 Kungoko athi, Vuka wena uleleyo, uvuke kwabafileyo; uKristu wokukhanyisela.
15 Khangelani ngoko, ukuba ningáthini na, ukuze kucokiseke ukuhamba kwenu; ningabi njengabaswele ubulumko, yibani njengezilumko;
16 nizongela ixesha eli, ngokuba le mihla ayindawo.
17 Ngenxa yoko musani ukuba ziintsweli-kuqonda; yibani ngabakuqondayo into okuyiyo ukuthanda kweNkosi.
18 Kanjalo musani ukunxila yiwayini, ekukhoyo kuloo nto ukuzibhubhisa; manizaliswe nguMoya;
19 níthetha omnye nomnye ngeendumiso, neengoma, nezango ezizezomoya, nivuma, nibetha uhadi entliziyweni yenu kuyo iNkosi,