17 Ngenxa yoko musani ukuba ziintsweli-kuqonda; yibani ngabakuqondayo into okuyiyo ukuthanda kweNkosi.
18 Kanjalo musani ukunxila yiwayini, ekukhoyo kuloo nto ukuzibhubhisa; manizaliswe nguMoya;
19 níthetha omnye nomnye ngeendumiso, neengoma, nezango ezizezomoya, nivuma, nibetha uhadi entliziyweni yenu kuyo iNkosi,
20 nimana nibulela ngenxa yeento zonke, egameni leNkosi yethu uYesu Kristu, kuye uThixo uYise;
21 nilulamelana ngokoyika uThixo.
22 Nina bafazi, walulameleni awenu amadoda, ngokokululamela iNkosi;
23 ngokuba indoda le iyintloko yomfazi, njengokuba naye uKristu eyintloko yebandla eli; waye yena ngokwakhe enguMsindisi wawo umzimba.