1 Nina bantwana, baveni abazali benu ngokwabaseNkosini; kuba oko kububulungisa.
2 Beka uyihlo nonyoko; wona lowo ngumthetho wokuqala onedinga;
3 ukuze kulunge kuwe, ube nexesha elide emhlabeni.
4 Nani boyise, musani ukubacaphukisa abantwana benu; bondleleni ekuqeqesheni nasekululekeni kweNkosi.