10 Elokugqiba, bazalwana bam, ndithi, Yomelelani eNkosini, nasekuqineni kokomelela kwayo.
11 Xhobani sonke isikrweqe sikaThixo, ukuze nibe nako ukumisa nibuchase ubuqhinga boMtyholi.
12 Ngokuba umzamo wethu asingowokuzamana negazi nenyama; ngowokuzamana nazo izilawuli, nawo amagunya, nazo iziphatha-hlabathi zobumnyama balo eli phakade, nayo imikhosi yomoya abakhohlakeleyo kwezasezulwini iindawo.
13 Ngenxa yoko, qubulani sonke isikrweqe sikaThixo; ukuze nibe nako ukuchasa ngomhla ombi, nithi nikufezile konke, nime nimi.
14 Misani ke ngoko, níbhinqé inyaniso esinqeni senu, ninxibé isigcina-sifuba sobulungisa,
15 nibophé ezinyaweni zenu ulungiselelo lweendaba ezilungileyo zoxolo.
16 Ngaphezu kwezo zinto zonke, qubulani ikhaka lokholo, lona nothi ngalo nibe nako ukuzicima zonke iintolo ezinomlilo zakhe ongendawo.