17 Yamkelani isigcina-ntloko sosindiso, nalo ikrele loMoya, elililizwi likaThixo;
18 ngako konke ukuthandaza nokukhunga, nithandaza amaxesha onke nikuye uMoya; niyiphaphamele loo nto ngako konke ukuzingisa nokukhunga, ngenxa yabo bonke abangcwele;
19 nangenxa yam, ukuba ndiphiwe ilizwi ekuwuvuleni umlomo wam, ndize ndazise ngokungafihlisiyo imfihlelo yeendaba ezi zilungileyo,
20 ekungenxa yazo endisisigidimi esisezintanjeni; ukuze ndingafihlisi ukuthetha kuzo, njengoko ndimelwe kukuthetha ngako.
21 Ke kaloku, ukuze nani nikwazi okukokwam, ukuba ndinjani na, wonazisa konke uTikiko, umzalwana oyintánda, umlungiseleli othembekileyo ngokwaseNkosini;
22 endimthume le nto kuni, ukuze nizazi iindaba zethu, nokuze azithuthuzele iintliziyo zenu.
23 Makube luxolo kubo abazalwana, nothando, ndawonye nokholo oluvela kuThixo uYise, neNkosi yethu uYesu Kristu.