1 Kuba ndithanda ukuba nikwazi ukuba kukhulu kwako ukuzama endikuzamayo ngenxa yenu, nabo baseLawodike, nabo bonke abangabubonanga ubuso bam ngokwenyama;
2 ukuze zithuthuzelwe iintliziyo zabo, bebandakanyiwe ngothando, kusingise kuyo yonke indyebo yokuqonda okuqinisekileyo, kusingise ekwazini imfihlelo kaThixo uYise,
3 nekaKristu, ekufihlwe kuye bonke ubutyebi bobulumko nobokwazi.
4 Nditsho ke, ukuze kungabikho bani unilukuhlayo ngentetho egudileyo.
5 Kuba nangona ndingekhoyo ngenyama, khona ngomoya ndinani, ndivuya, ndibona ulungelelwano lwenu, nokuzimaseka kokukholwa kwenu kuKristu.
6 Njengokuba ngoko namamkelayo uKristu Yesu iNkosi, hambani kuye,