1 Bethé nje ke abaninzi bazamela ukucacisa ibali lezo zinto ziziziganeko phakathi kwethu,
2 njengoko basinikeláyo abo, bathi kwasekuqaleni baba ngababoneli nabakhonzi balo ilizwi:
3 kwabonakala kulungile nakum, ndizilandile nje ngokucokisekileyo zonke, ndizekela kwasentloko, ukuba ndikubhalele ngokucacileyo,
4 Tiyofilo odume kunene, ukuze uyazi kakuhle ingqiniseko yamazwi owafundisiweyo ngomlomo.
5 Ngemihla kaHerode ukumkani wakwaYuda, kwaye kukho umbingeleli othile, ogama linguZekariya, engoweqela lika-Abhiya, nomfazi wakhe engowasezintombini zika-Aron, igama lakhe linguElizabhete.