Uluka 22 XHO75

1 Ke kaloku, wawusondela umthendeleko wezonka ezingenagwele, ekuthiwa yipasika.*

2 Baye ababingeleli abakhulu nababhali befuna ukuba bangáthini na ukumbulala, kuba bebesoyika abantu.

3 Wangena ke uSathana kuYuda, ogama limbi linguSikariyoti, ongowenani labalishumi elinababini.

4 Wemka, waya wathetha nababingeleli abakhulu nabaphathi betempile, ukuba angáthini na ukumnikela kubo.

5 Bavuya, banqophisana naye ukumnika imali, wabavumela,

6 wamana efuna ithuba elimlungeleyo lokumnikela kubo, kungekho siphendu.

Ipasika yokugqibela nesidlo seNkosi

7 Wafika ke umhla wezonka ezingenagwele, ekwakumele ukuthi ngawo kubingwe imvana yepasika.

8 Wesusa uPetros noYohane, wathi, Hambani niye kusilungisela ipasika, ukuze sidle.

9 Bathe ke bona kuye, Ùfuna ukuba siyilungise phi na?

10 Úthe ke yena kubo, Yabonani, nákungena kuwo umzi lo, nohlangatyezwa ngumntu ethwele umphanda wamanzi; mlandeleni, niye endlwini angena kuyo.

11 Nòthi kumninindlu, Úthi uMfundisi kuwe, Liphi na igumbi labahambi, apho ndingadlela khona ipasika nabafundi bam?

12 Kwayena wonibonisa igumbi eliphezulu elikhulu, landlelwe; lungisani apho ke.

13 Bemka ke, bafumana kunjengoko ebetshilo kubo, bayilungisa ipasika.

14 Uthe ke lakufika ilixa, wahlala phantsi, nabapostile* abalishumi elinababini kunye naye.

15 Wathi kubo, Asikuko nokuba ndinqwenile ukuyidla nani le pasika, ndingekabuva ubunzima.

16 Kuba ndithi kuni, Andiyi kubuya ndibe sadla kuyo, ide izaliseke ebukumkanini bukaThixo.

17 Wamkela indebe, wabulela, wathi, Yithabatheni, nabelane ngayo.

18 Kuba ndithi kuni, Andisayi kusela kwisiqhamo somdiliya, bude bufike ubukumkani bukaThixo.

19 Wathabatha isonka, wathi akubulela waqhekeza, wabanika, esithi, Ngumzimba wam lo, onikelwa ngenxa yenu; oku kwenzeleni ukundikhumbula.

20 Kwangokunjalo nayo indebe wayithabatha, kwakukhovwa ukudliwa, esithi, Le ndebe ingumnqophiso omtsha osegazini lam, eliphalalela nina.

21 Kodwa niyabona, isandla sondingcatshayo sinam etafileni apha.

22 UNyana woMntu okunene uyemka, njengoko kumisiweyo; kodwa ke, yeha, loo mntu angcatshwa nguye!

23 Baqala bona ukubuzana phakathi kwabo, ukuba ingaba ke nguwuphi na kubo, oza kuyenza le nto.

Oyena mkhulu uya kuba ngomncinane

24 Ke kaloku kwabakho nokubangisana phakathi kwabo, kokuthi, nguwuphi na kubo ekungáthiwa ngomkhulu.

25 Uthe ke yena kubo, Ookumkani beentlanga bayazigagamela; kwanâbo benza ngegunya kuzo, kuthiwa ngabancedi.

26 Ke nina ze ningabi njalo: omkhulu kuni, makabe njengomnci; nongumphathi makabe njengomlungiseleli.

27 Kuba nguwuphi na omkhulu: ngulowo uhleli esithebeni, ngulowo ulungiselelayo, kusini na? Asingulowo uhleli esithebeni na? Ke mna phakathi kwenu ndinjengomlungiseleli.

28 Nina ke ningabo basoloko behleli nam ekulingweni kwam.

29 Nam ndinimisela ubukumkani, njengokuba uBawo endimisele mna, ukuze nidle, nisele,

30 esithebeni sam ebukumkanini bam, nihlale ezitroneni, nigweba izizwe ezilishumi elinazibini zakwaSirayeli.

UPetros uyalunyukiswa

31 Ithe ke iNkosi, Simon, Simon, úyabona, uSathana ubenibanga, ukuba anelé njengengqolowa.

32 Ke mna ndikhungile ngawe, ukuba ukholo lwakho lungapheli; nawe ke, xa ubuye wabuya, uze ubazimase abazalwana bakho.

33 Wathi ke yena kuyo, Nkosi, sendikulungele ukuya nawe nasentolongweni, nasekufeni.

34 Ithe ke yona, Ndithi kuwe, Petros, ayisayi kulila namhlanje inkuku, ungekakhanyeli kathathu ukuba uyandazi.

Amakrele amabini

35 Yathi kubo, Okuyá ndanithuma ningenangxowa yamali, nangxowa yamphako, nazimbadada, khe naswela nto na?

36 Bathi ke bona, Nento le. Ithe ke kubo, Kungokunje, lowo unengxowa yemali makayithabathe, enjenjalo nonengxowa yomphako; nalowo usweleyo, makathengise ngengubo yakhe, athenge ikrele.

37 Kuba ndithi kuni, Oku kubhaliweyo kusamele ukufezeka kum, khona oku: Wabalwa nabachasi-mthetho; kuba kananjalo izinto ezingam zinemfezeko.

38 Bathi ke bona, Nkosi, uyabona, nanga amakrele emabini. Ithe ke yona kubo, Kwanele.

UYesu eGetsemane

39 Uphumile ke, waya ngokwesiko lakhe eNtabeni yemiNquma, bamlandela ke nabafundi bakhe.

40 Efikile ke kuloo ndawo, wathi kubo, Thandazani, ningangeni ekulingweni.

41 Waziqhiwula yena kubo umgama ongangokugibisela ilitye, waguqa ngamadolo wathandaza, esithi,

42 Bawo, ukuba ùyavuma, mayidlule le ndebe kum; kodwa makungabi kukuthanda kwam, makube kokwakho okwenzekayo.

43 Kwabonakala ke kuye isithunywa, sivela ezulwini, simomeleza.

44 Uthe ke, eneminzunzu, kwaba kukhona athandaza enyamekile. Kwathi ke ukubila kwakhe kwanga kungamathontsi amakhulu egazi, esiwa emhlabeni.

45 Wavuka ekuthandazeni, weza kubafundi bakhe, wabafumana belele ngokuba buhlungu kwentliziyo.

46 Wathi kubo, Yini na ukuba nilale? Vukani, nithandaze, ukuze ningangeni ekulingweni.

UYesu uyabanjwa

47 Ke kaloku, akubon' ukuba usathetha, kwathi gqi indimbane, waye nalowo kuthiwa nguYuda, omnye weshumi elinababini, ehamba phambi kwabo; wasondela kuYesu eza kumanga.

48 Uthe ke uYesu kuye, Yuda, umngcatsha uNyana woMntu ngokumanga na?

49 Ke kaloku abo babemphahlile, bakukubona okuza kuhla, bathi kuye, Nkosi, sixabele na ngekrele?

50 Omnye kubo abo wamxabela umkhonzi wombingeleli omkhulu, wamnqamla indlebe yokunene.

51 Waphendula ke uYesu wathi, Yekani, kwanele. Wayichukumisa indlebe yakhe, wamphilisa.

52 Uthe ke uYesu kwabo babemfikele, ababingeleli abakhulu, nabaphathi betempile, namadoda amakhulu, Niphume ninamakrele neentonga na, nanga nize esihangeni?

53 Bendinani imihla ngemihla etempileni, anolula zandla ngakum; kambe eli lilixa lenu, negunya lobumnyama.

UPetros ukhanyela uYesu

54 Bambambile ke, bamrhola, bamsa endlwini yombingeleli omkhulu; waye ke uPetros elandela ekude.

55 Ke kaloku, bakubon' ukuba babàse umlilo phakathi kwentendelezo, behleli phantsi ndawonye, uthe wahlala uPetros phakathi kwabo.

56 Ke umkhonzazana othile umbonile ehleli ebandezini, wamjonga wathi, Naló ube enaye.

57 Wamkhanyela ke yena, esithi, Nkazanandini, andimazi.

58 Kwakuba mzuzwana, omnye wambona wathi, Nawe ungowabo. Wathi ke uPetros, Mntundini, andinguye.

59 Kwakuba kuhambe ilixa ngathi linye, omnye uqinisele wathi, Inyaniso, naló ubenaye; kuba ukwangowaseGalili.

60 Uthe ke uPetros, Mntundini, andiyazi into oyithethayo.Kuthe kwangoko, esathetha, yalila inkuku.

61 Yajika iNkosi, yondela kuPetros. Walikhumbula ke uPetros ilizwi leNkosi, njengoko ibithe kuye, Ingekalili inkuku, uya kundikhanyela kathathu.

62 Waza uPetros, ephume phandle, walila ngokukrakra.

UYesu phambi kwentlanganiso yamatyala

63 Aye amadoda ambambileyo uYesu edlala ngaye, emtyakatya.

64 Athe akuba emgqubuthele, ambetha ebusweni, ambuza esithi, Profeta; ngubani na lo ukubethileyo?

65 Aye emthethela nezinye izinto ezininzi, enyelisa.

66 Kuthe kwakusa, yahlanganisana intlanganiso yamadoda amakhulu abantu, nababingeleli abakhulu, kwanababhali, bamrholela entlanganisweni yabo yamatyala, besithi,

67 Ukuba ùnguye UKristu* wena, sixelele. Uthe ke yena kubo, Ukuba ndithe ndanixelela, anisayi kukholwa;

68 nokuba ke ndithe ndanibuza, anisayi kundiphendula, anisayi kundikhulula.

69 Ethabathela kweli xa, uNyana woMntu uya kuba ehleli ekunene kwamandla kaThixo.

70 Bathi ke bonke, Ùnguye na ke wena uNyana kaThixo? Úthe ke yena kubo, Nani nithi ndinguye.

71 Bathi ke bona, Sisabufunelani na ubungqina, kuba thina ngokwethu sivile ngomlomo wakhe.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24