47 Nomoya wam ugcobile ngoThixo uMsindisi wam;
48 Ngokuba wakukhangela ukuthobeka komkhonzazana wakhe;Kuba, uyabona, ziya kuqala kwangoku ukuthi ndingonoyolo zonke izizukulwana;
49 Ngokuba wandenzela izinto ezinkulu uSomandla;Lingcwele igama lakhe.
50 Yaye inceba yakhe ikwizizukulwana ngezizukulwanaKwabo bamoyikayo.
51 Wenzé amandla ngengalo yakhe,Wabachithachitha abanekratshi ekucingeni kweentliziyo zabo.
52 Wabawisa abanamandla ezitroneni zabo,Wabaphakamisa abathobekileyo.
53 Wahluthisa abalambileyo ngezinto ezilungileyo;Wabandulula abazizityebi belambatha.