54 Wasiza uSirayeli, umkhonzi wakhe,Ngokukhumbula inceba yakhe;
55 Njengoko wathethayo koobawo bethu,KuAbraham nakwimbewu yakhe ngonaphakade.
56 Wahlala ke uMariya naye iinyanga ngathi zaba ntathu, waza wabuyela ekhaya.
57 Ke kaloku, ixesha likaElizabhete lazaliseka lokuba azale; wazala unyana.
58 Beva abamelwane nemizalwane yakhe, ukuba iNkosi iyenze nkulu inceba yayo kuye, baye ke bevuyisana naye.
59 Kwathi ngomhla wesibhlozo, beza kumalùsa umntwana; baye bemthiya igama likayise, besithi nguZekariya;
60 koko waphendulayo unina, wathi, Hayi; uya kubizwa ngokuba nguYohane.