58 Beva abamelwane nemizalwane yakhe, ukuba iNkosi iyenze nkulu inceba yayo kuye, baye ke bevuyisana naye.
59 Kwathi ngomhla wesibhlozo, beza kumalùsa umntwana; baye bemthiya igama likayise, besithi nguZekariya;
60 koko waphendulayo unina, wathi, Hayi; uya kubizwa ngokuba nguYohane.
61 Bathi kuye, Akukho namnye ubizwa ngelo gama kwimizalwane yakho.
62 Baye ke benqwala kuyise besithi, angathanda ukuba athiweni na ukubizwa.
63 Wabiza icwecwana, wabhala esithi, Igama lakhe nguYohane.
64 Bamangaliswa bonke. Wavuleka ke kwaoko umlomo wakhe, lwathukululeka nolwimi lwakhe, wamana ethetha, ebonga uThixo.