29 Nani nize ningafuni ukuthi ningadla ntoni na, nisele ntoni na;
30 kanjalo nize ningathingazi; ngokuba zonke ezo nto zingxanyelwe ziintlanga zehlabathi; uYihlo ke uyazi ukuba niziswele ezo zinto.
31 Funani ubukumkani bukaThixo nina, zaye zonke ezo zinto ziya kongezelelwa kuni.
32 Musani ukoyika, mhlambi mncinane; ngokuba kukholekile kuYihlo ukuninika ubukumkani.
33 Thengisani ngeempahla zenu, nilize ngazo; zenzeleni iingxowa zemali ezingagugiyo, ubutyebi obungapheliyo emazulwini, apho kungasondeliyo sela, kungonakalisiyo nanundu;
34 kuba apho bukhona ubutyebi benu, yoba lapho nentliziyo yenu.
35 Mazibe zibhinqiwe izinqe zenu, nezibane zenu zivutha;