33 Thengisani ngeempahla zenu, nilize ngazo; zenzeleni iingxowa zemali ezingagugiyo, ubutyebi obungapheliyo emazulwini, apho kungasondeliyo sela, kungonakalisiyo nanundu;
34 kuba apho bukhona ubutyebi benu, yoba lapho nentliziyo yenu.
35 Mazibe zibhinqiwe izinqe zenu, nezibane zenu zivutha;
36 nani nibe njengabantu abayilindileyo inkosi yabo, xeshikweni iya kubuya emsithweni; ukuze bathi, yakufika inkqonkqoze, bayivulele kwaoko.
37 Banoyolo abo bakhonzi, eyothi yakufika inkosi, ibafumane belindile. Inene ndithi kuni, iya kubhinqa, ibangqengqise bona, ize isondele ibalungiselele.
38 Nokuba ithe yeza ngowesibini umlindo wobusuku, nokuba ithe yeza ngowesithathu umlindo, yafika kunjalo, banoyolo abo bakhonzi.
39 Kwazini ke oku, ukuba umninindlu ebesazi ukuba isela liza ngaliphi na ilixa, ange elindile, akayiyekela indlu yakhe igqojozwe.