12 Wayesithi ke nakulowo ummemileyo, Xa sukuba usenza isidlo sasemini, nokuba sesangokuhlwa, musa ukubiza izihlobo zakho, nabazalwana bakho, nemizalwane yakho, nabamelwane abazizityebi; hleze nabo babuye bakumeme, ize oko kube yimbuyekezo kuwe.
13 Yithi xa sukuba usenza isidlo, umeme amahlwempu, izilima, iziqhwala, iimfama;
14 wòba nentsikelelo; ngokuba àbanako ukubuyekeza kuwe; kuba ùya kubuyekezwa wena eluvukweni lwamalungisa.
15 Ke kaloku, akuziva ezo zinto omnye kwabo babehleli naye, wathi kuye, Únoyolo oya kudla isonka ebukumkanini bukaThixo.
16 Uthe ke yena kuye, Umntu othile wenza isidlo esikhulu, wamema abaninzi.
17 Wasusa umkhonzi wakhe ngelixa lesidlo, ukuba aye kuthi kwabamenyiweyo, Yizani; ngokuba konke sekulungisiwe.
18 Baqala bonke ngakunye ukuzilanduleka; owokuqala wathi kuye, Ndithengé intsimi, kufuneka ukuba ndiphume ndiye kuyibona; ndiyakucela, mandibe ngowabalandulelwayo.