16 Uthe ke yena kuye, Umntu othile wenza isidlo esikhulu, wamema abaninzi.
17 Wasusa umkhonzi wakhe ngelixa lesidlo, ukuba aye kuthi kwabamenyiweyo, Yizani; ngokuba konke sekulungisiwe.
18 Baqala bonke ngakunye ukuzilanduleka; owokuqala wathi kuye, Ndithengé intsimi, kufuneka ukuba ndiphume ndiye kuyibona; ndiyakucela, mandibe ngowabalandulelwayo.
19 Wathi omnye, Ndithengé iinkomo zeedyokhwe ezintlanu, ndiya kuziva; ndiyakucela mandibe ngowabalandulelwayo.
20 Wathi omnye, Ndizeké umfazi, ngenxa yoko andinakuza.
21 Efikile loo mkhonzi, wayibikela ke inkosi yakhe ezo ndawo. Wandula waqumba umninindlu, wathi kumkhonzi wakhe, Phuma kamsinya, uye ezitratweni nakwizitratwana zomzi, uqukele apha amahlwempu nezilima neziqhwala neemfama.
22 Wathi umkhonzi, Nkosi, kwenzeké njengoko ubuyalele, ukanti kusekho indawo.