20 Wathi omnye, Ndizeké umfazi, ngenxa yoko andinakuza.
21 Efikile loo mkhonzi, wayibikela ke inkosi yakhe ezo ndawo. Wandula waqumba umninindlu, wathi kumkhonzi wakhe, Phuma kamsinya, uye ezitratweni nakwizitratwana zomzi, uqukele apha amahlwempu nezilima neziqhwala neemfama.
22 Wathi umkhonzi, Nkosi, kwenzeké njengoko ubuyalele, ukanti kusekho indawo.
23 Yathi inkosi kumkhonzi lowo, Phuma uye ezindleleni, nasezintangweni, ubanyanzele bangene, ukuze indlu yam izale.
24 Kuba ndithi kuni, akukho nanye kuloo madoda abemenyiwe, eya kusiva isidlo sam.
25 Ke kaloku kwaye kuhamba naye izihlwele ezikhulu; wajika, wathi kuzo,
26 Ukuba ubani uza kum, angamthiyi uyise, nonina, nomfazi, nabantwana, nabazalwana, nodade, ewe, nobakhe ubomi, akanakuba ngumfundi wam.