23 njengoko kubhaliweyo emthethweni weNkosi, kwathiwa, Yonke into eliduna, evula isizalo, ize kuthiwe ingcwele eNkosini (iEks 13:2);
24 nokuba benze idini njengoko kutshiwoyo emthethweni weNkosi ukuthi, Isibini samahobe, nokuba ngamagobo amabini amavukuthu.
25 Kwaye ke kukho umntu eYerusalem, ogama linguSimon; waye loo mntu elilungisa, emoyika uThixo, elinde intuthuzelo kaSirayeli; waye noMoya oyiNgcwele ephezu kwakhe.
26 Wayehlatyelwe nguMoya oyiNgcwele, ukuba akayi kubona kufa, engekamboni uKristu weNkosi.
27 Weza ngaye uMoya etempileni; kwathi, ekumngeniseni kwabo abazali umntwana uYesu, ukuba bamenze ngokwesiko lomthetho,
28 yena wamamkelela ezingalweni zakhe, wabonga uThixo, wathi:
29 Ùyamndulula ngoku umkhonzi wakho enoxolo,Mnini-nto-zonke, ngokwelizwi lakho;