27 Weza ngaye uMoya etempileni; kwathi, ekumngeniseni kwabo abazali umntwana uYesu, ukuba bamenze ngokwesiko lomthetho,
28 yena wamamkelela ezingalweni zakhe, wabonga uThixo, wathi:
29 Ùyamndulula ngoku umkhonzi wakho enoxolo,Mnini-nto-zonke, ngokwelizwi lakho;
30 Ngokuba amehlo am alubonile usindiso lwakho,
31 Olulungisileyo ebusweni bazo zonke izizwe,
32 Isikhanyiso sokutyhilela iintlanga,Uzuko lwabantu bakho, amaSirayeli.
33 Babemangaliswa ooYosefu nonina zezo zinto zithethwayo ngaye.