14 Bathe ke abalimi, bakumbona, bacamanga bodwa, besithi, Yindlalifa le; yizani siyibulale, ukuze ilifa libe lelethu.
15 Bamkhuphela ngaphandle kwesidiliya, bambulala. Úya kuthini na ke ngoko kubo umninisidiliya?
16 Uya kufika abatshabalalise abo balimi, asinikele bambi isidiliya eso.Bathe ke bakukuva oko, Mayingabikho loo nto!
17 Wondela ke kubo, wathi, Yintoni na phofu le ibhaliweyo:Ilitye abalicekisáyo abakhi,Lelona laba yintloko yembombo?(INdum. 118:22)
18 Bonke abathe bawa phezu kweli litye, botyumka; ke bona elithe labawela, lobabetha bathi saa.
19 Baza ababingeleli abakhulu nababhali bafuna ukumsa izandla ngelo lixa; boyika abantu, kuba babesazi ukuba uwuthethe esingisele kubo lo mzekeliso.
20 Bamlalela, bathuma iintlola ezizenza amalungisa, ukuba zimbambise ngokuthetha, ukuze bamnikele elulawulweni nasegunyeni lerhuluneli.