20 Bamlalela, bathuma iintlola ezizenza amalungisa, ukuba zimbambise ngokuthetha, ukuze bamnikele elulawulweni nasegunyeni lerhuluneli.
21 Zambuza ke zisithi, Mfundisi, siyazi ukuba uthetha ufundise ngobulungisa, ungakhethi buso bamntu; usuka ufundise indlela kaThixo ngenene.
22 Kuvumelekile na ukuba simnike irhafu uKesare,* akuvumelekile, sini na?
23 Ebuqondile kakuhle ubuqhetseba bazo, wathi kuzo, Nindilingelani na?
24 Ndiboniseni idenariyo.* Inomfanekiso nombhalo kabani na? Ziphendule ke zathi, KaKesare.
25 Uthe ke yena kuzo, Nikelani kaloku izinto zikaKesare kuKesare; nezinto zikaThixo kuThixo.
26 Zakhohlwa ukumbambisa ngamazwi phambi kwabantu, zamangaliswa yimpendulo yakhe, zathi cwaka.