25 Uthe ke yena kuzo, Nikelani kaloku izinto zikaKesare kuKesare; nezinto zikaThixo kuThixo.
26 Zakhohlwa ukumbambisa ngamazwi phambi kwabantu, zamangaliswa yimpendulo yakhe, zathi cwaka.
27 Kwafika ke kuye abathile bakubaSadusi, bona abo bakuphikayo ukuba kukho uvuko;
28 bambuza, besithi, Mfundisi, uMoses wasibhalela wathi, Ukuba ozalana nothile uthe wafa enomfazi, wafa ke lowo engenabantwana, maze ozalana naye amzeke umfazi lowo, amvelisele imbewu ozalana naye.
29 Ke bekukho abantu abasixhenxe bezalana; waza owokuqala wazeka umfazi, wafa engenabantwana.
30 Nowesibini wamzeka umfazi lowo, wafa naye engenabantwana.
31 Nowesithathu wamzeka; benjenjalo ke bosixhenxe, bafa bengashiyanga bantwana.