1 Yesuka yonke inkitha yabo, yamrholela kuPilato.
2 Baqala ke ukummangalela, besithi, Simfumene lo elulahlekisa uhlanga, engavumi ukuba kunikelwe irhafu kuKesare,* esithi, únguKristu* uKumkani yena ngokwakhe.
3 UPilato wambuza ke, esithi, Ùnguye na uKumkani wamaYuda? Umphendule ke yena wathi, Nawe utsho.
4 Uthe ke uPilato kubabingeleli abakhulu nakwizihlwele, Andifumani tyala kuló mntu.
5 Kwaba kukhona ke bajokisayo, besithi, Ùxhokonxa abantu, efundisa kulo lonke elakwaYuda, eqalele kwelaseGalili, wada wezisa apha.
6 Ke kaloku uPilato, akuva elaseGalili, wabuza ukuba umntu lo ngowaseGalili na.
7 Wathi, akuqonda ukuba ngowasebukhosini bukaHerode, wamthumela kuHerode, obe eseYerusalem naye ngaloo mihla.