17 Ke kaloku, ubemelwe kukuthi abakhululele umbanjwa abe mnye, imithendeleko ngemithendeleko.
18 Bankqangaza ke ngokuphela kwabo, besithi, Msuse lo, usikhululele uBharabhas,
19 owayethe, ngenxa yesaqunge esithile, esibe senziwe phakathi komzi, kwanokubulala, waphoswa entolongweni.
20 Waphinda ngoko uPilato wathetha nabo, efuna ukumkhulula uYesu.
21 Ke bona bamana benkqangaza, besithi, Bethelela emnqamlezweni; mbethelele emnqamlezweni.
22 Uthe ke yena okwesithathu kubo, Kuba enzé bubi buni na lo? Andifumananga tyala lakufa kuye; ndothi ngoko, ndakumbetha, ndimkhulule.
23 Bamxina ke bona ngezandi ezikhulu zamazwi, becela ukuba abethelelwe emnqamlezweni; aza ke eyisa amazwi abo, nawababingeleli abakhulu.